Become a KPR member, and enjoy cheaper prices immediately. Register here.
Ndinqwenela ukuba lilungu le KPR
Ukususela ngeyoMsintsi ku 2007 ungaba lilungu le KPR nokuba awukwazi ukuthetha nokuva ulwimi lwe Slovak. |
Ngonyaka ka 2000, siqalise umbutho wethu ngolwimi lwe Slovak. Ukuqalela ngoko sibe namalungu amaninzi ajoyinayo ubuninzi babuya e Slovakia nased Czechia. |
Ngoku nawe ungawonwabela onke amalungelo okubalilungu le KPR Slovakia ngokunjalo – kwaye akukhathelelwanga nokuba ungubanina okanye uthetha oluphina ulwimi. |
Samkela nabanina othanda izityalo ovela naphina kumhlaba wonke jikelele. Sijoyine ngoku! |
Ngelishwa, inye into ezakukuhlupha esekhoyo: Akuzukukwazi ukufunda i journal yombutho wethu i Botanix, xa ungeva naluphina ulwimi efunyanwa ngalo i Botanix. |
Ngolunye uhlobo, Kuthenina ungaqali eyakho ijournal ngolwimi lwakho? Hlangana nabanye begadi, abathetha ulwimi lwakho, ze niqale ukubhala nokuqokelela izinto ezinomdla ngokulima igadi, izityalo kanjalo ukuze niqale eyenu i Botanix yolwimi lwenu! |
Akukho miqathango ngokuzanelisa! |
Ngolunye uhlobo, Ulwazi olulolwabalimi begadi base Slovak lokukhulisa alunakusetyenziswa njalo kwindawo ze tropical nokuhlukeneyo, kungoko ke ulwimi olusetyenziswayo ekuhlaleni kwi Botanix lunganqwenelwa. |
Kutheni uba lilungu KPR?
1.Amalungu e KPR iiodolo ngezamaxabiso angcono. Bona eminye imizekelo ngezantsi. (There are no minimal limits for orders.)
Ixabiso lamalungu e KPR | Ixabiso labangengomalungu | %-isaphulelo |
0,50 € | 0,70 € | 29% |
0,70 € | 0,90 € | 22% |
1,00 € | 1,50 € | 33% |
3 € | 4 € | 25% |
2. Ilungu ngalinye lingakhetha zibe 5 imbewu ezingabhatalwa zokuqondisisa ukuba iyiyona, qho ngonyaka(ngaphandle kwe palms nembewu ye cycads, nembewu yezinye ezikhethiweyo iintlobo) ezivela kwimbewu ne Banki yeZityalo ye KPR. Ngapha koko amalungu anelungelo lokufumana isaphulelo se 50% yezinye izinto zokuqinisekisa ukuba zizizona (ixabiso elibekiweyo yi 1 Euro ngento enye yoku yokunikisa isetyenziselwa ukubona ukuba iyiyona ; ngelithuba ixabiso kumalungu e KPR's liyi 0,50 Euro).
3. iiOdolo zamalungu e KPR zilungiswa phambi kwe odolo zabangengomalungu.
4. Kufumaneka ulwazi olungabhatalelwa ngelwimi ezi 11 enyakeni ngkukhuliswa kwezityalo
5. Ungasebenzisa uncedo lwe Akhawunti Evuliwe.
Vula i akhawunti - Ulwazi nge Akhawunti Evuliwe |
I Akhawunti Evuliwe yeyona ndlela ingenankathazo yokuthenga eKPR. Usithumela imali phambi kokuba u ode nantonina – naninina xa ufuna ukwenza iodolo, imali i oda yakho ithathwa kwi akhawunti yakho evukile. Le ntoitsho ukuba asilindi mali yakho phambi kokuba sikuthumele silungise i oda yakho, kwaye ne oda yakho ingalungiswa ithunyelwe ngokukhawuleza. Ungongeza imali kwi akhawunti yakho evuliwe nangaliphina ixesha, ngokusebenzisa nayiphina indlela eyamkelekile. |
Nagaliphina ixesha ufuna ukongeza imali kwi Akhawunti yakho Evuliwe, tayipha inani elilelakho wedwa ukuze sikwazi ukuqonda intsingiselo yokubhatala kwakho. Singakhona ke ukongeza imali kwi Akhawunti yakho Evuliwe nje ukufumana kwethu imali yakho yokubhatala. Akunamiqathango ekuvimelayo ukogeza imali kwi Akhawunti yakho evuliwe.Imali ekhoyo kwi Akhawunti yakho ungayisebenzisa nje ukongezwa kwemali yakho . |
Ukubangaba unqwenela ukubhatala imali i oda yakho ngemali ekhoyi kwi Akhawunti yakho Evuliwe, sazise nje ngalo myalezo olandelayo: "i oda yam iza kubhatalwa nge Akhawunti Evuliwe iNani. XXXXXXX" Kwakugqitywa nje ukulingiswa inkcukacha zokubhatala i oda yakho izakupakishwa ithunyelwe kuwe ngokukhawuleza. |
Ungayicela imali ekwi Akhawunti yakho evuliwe ibuyiselwe kuwe.Kodwa ke, ukumbule ukuba kune fees ozikutshajwayo ngokubuyiselwa kwakho imali yakho. Azikho i fees xa imali yakho ibuyiselwa kuwe nge PayPal; xa imali yakho ithunyelwa kuwe nge ‘moneybrokers.com.’ ubuncinane uhlawuliswa i 0, 50 Yuro. Awuhlawuliswa xa imali yakho ibuyiselwa kuwe ngokuthunyelwa nge banki yekhaya phakathi e Slovakia ne Czechia. Nceda ungathandabuzi usixelele ngentlawuliso / nezinye indlela ekuhlawuliswa ngazo ngamanye amazwe. Siza kuyibuyisela kuwe imali yakho ebuya kwi Akhawunti yakhoEvuliwe phakathi kwentsuku ez 60 emva kokuba sisifumene isicelo. |
Qaphela: Ukusebenzisa i Akhawunti evuliwe kuza kukusindisa entlawulweni yemali ethunyelwayo. Udinga nje ukufaka imali kwi Akhawunti Evuliwe kube kanye ukuze ii oda zakho zibhatalwe kuyo ngamaxesha amaninzi njegoko ufuna. |
Ingaba ikhona eminye imibuzo na? |
6. Ukuba iiodolo zakho ngonyaka ka 2010 zibe ngaphezu kwe 80 Yuro, ungfaka iodolo yazo naziphina iimbewu okanye izityalo ezibiza i 10 Euro ungazihlawuleli!
7. Iloyo yonyaka ngalamaxabiso 50, 30, ne 15 Euro uthenga kuthi ungabhatali!
...kunye nezinye izaphulelo ezihlangene noko esizakumana sikuxelela ngazo.
1. Kufuneka ubhale iFomu yokubhalisela ubulungu ubhatale imali yobulungu yonyaka i 10 Euro phambi kwa 31 ku Canzibe ngonyaka wobulungu. Intlawulelo yobulungu isetyenziselwa ukuphucula nokwandisa i KPR jikelele.
Intlawulo yobulungu ka 2010
(Ubulungu bamkeleke ukususela ku 1.10.2009 buphelelwa ngo 31.12.2010)
Intlawulo yonyaka | Unyaka wokuqala | Vuselelela lonyaka ozayo |
10 Euro | 5 Euro |
2. Ubuncinane ufanele wenze i odolo ezi 2 ngonyaka kwi offer yombutho. Akunalimiti nakweyiphina idolo.
3. Unganakho ukuvoluntiya ukubhatalela amalungelo akho uwahlanganise nentlawulelo yobulungu bakho kwaye nayo ukuphucula nokwandiswa kwe KPR jikelele.
Unomdla wokuba lilungu le KPR? Kulula! Sijoyine ngoku. Bhalisa nje kule fomu yokubhalisela ukuba lilungu.